ILevitikus

Chapter: 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27


Chapter 12

1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umfazi, xa athe wathabatha, wazala inkwenkwe, woba yinqambi imihla esixhenxe; njengemihla yokungcola komzi wakhe woba yinqambi.
3 Ngomhla wesibhozo iya kwaluswa inyama yokwaluswa;
4 aze ahlale egazini lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathathu anantsuku-ntathu; angazichukumisi zonke izinto ezingcwele, angangeni engcweleni, zide zizaliseke iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe.
5 Ke ukuba uthe wazala intombi, woba yinqambi iiveki ezimbini, njengasekungcoleni kwakhe; ahlale phezu kwegazi lokuhlanjululwa kwakhe iintsuku ezimashumi mathandathu anantsuku ntandathu.
6 Ekuzalisekeni kweentsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngonyana, nokuba kungentombi, wozisa imvana emnyaka mnye ibe lidini elinyukayo, negobo levukuthu nokuba lihobe, libe lidini lesono, emnyango wentente yokuhlangana, kuye umbingeleli;
7 alisondeze yena phambi koYehova, emcamagushele, aze ahlambuluke ke ethombeni legazi lakhe. Nguwo lowo umyalelo wozeleyo inkwenkwe nokuba yintombi.
8 Ke ukuba isandla sakhe sithe asaba nakufumana nto ilingana nemvana, wothabatha amahobe abe mabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe leledini elinyukayo, elinye libe leledini lesono, umbingeleli amcamagushele, aze ahlambuluke ke.