1 YeziKronike

Chapter: 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Chapter 23

1 Ke kaloku, xa uDavide wayesel’ aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli.
2 Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi.
3 Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4 Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamane amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.
5 Abamasango baba ngamawaka amane; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amane.
6 UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.
7 KumaGershon yanguLadan noShimehi.
8 Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.
9 Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.
10 Oonyana bakaShimehi nguYahati noZina, noYehushe, noBheriya. Ngabo abo oonyana bakaShimehi; bane.
11 UYahati wayengomkhulu, uZiza engowesibini; ke uYehushe noBheriya bebengenanyana baninzi; ngoko ke baba ludidi olunye, babalelwa kwindlu yoyise.
12 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli; bane.
13 Oonyana baka-Amram nguAron noMoses. UAron watwetyulelwa ukuba angcwaliswe abe yingcwele kangcwele, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni; baqhumisele phambi koYehova, balungiselele kuye, basikelele egameni lakhe kude kuse ephakadeni.
14 Ke uMoses, umfo wakwaThixo, oonyana bakhe babizwa ngokwesizwe sakwaLevi.
15 Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.
16 Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu.
17 Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.
18 Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu.
19 Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesine.
20 Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.
21 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22 Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.
23 Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.
24 Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwayo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
25 Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni.
26 Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo.
27 Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
28 Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo:
29 owezonka ezikrozileyo, nowomgubo ocoliweyo, nowomnikelo wokudla, nowezonkana ezisicaba ezingenagwele, nowezojiweyo ngepani, nowento ekroqiweyo, nowokulinganisa konke ngokukha nangobude;
30 nowokuma imiso ngemiso, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa;
31 nowokunyusa onke amadini anyukayo kuYehova ngesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, ngenani ngokwesiko lazo, ngamaxesha onke, phambi koYehova;
32 bagcine isigxina sentente yokuhlangana, nesigxina sengcwele, nesigxina soonyana baka-Aron, abazalwana babo, ukuba bakhonze endlwini kaYehova.