UEstere

Chapter: 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10


Chapter 9

1 Ke kaloku ngenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo), ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, ekwakuthe kwafika ukwenziwa kwelizwi lokumkani nomthetho wakhe, ngomhla ebezilindele iintshaba zamaYuda ukuwaphatha ngegunya, kwaguqulwa oko, amaYuda aba ngawo aziphatha iintshaba zawo ngegunya.
2 Abizelana ndawonye amaYuda emizini yawo, emazweni onke kakumkani uAhaswerosi, ukuba abase isandla abo babefuna ukuwenza okubi; akwema mntu ebusweni bawo, ngokuba izizwe zonke zafikelwa kukunkwantya.
3 Bonke abathetheli bamazwe, neerhuluneli, namabamba, nabasebenzi bokumkani, bawanceda amaYuda; ngokuba babengenelwe kukoyika uMordekayi.
4 Kuba uMordekayi ebemkhulu endlwini yokumkani, udaba lwakhe lwaya emazweni onke; kuba indoda leyo inguMordekayi yaya iba nkulu ngokuba nkulu.
5 Azoyisa ke amaYuda ezo ntshaba zawo zonke ngekrele, nangokubulala, nangokutshabalalisa, enza ngokuzithandela kwabo babewathiyile.
6 EShushan komkhulu amaYuda abulala, atshabalalisa, amakhulu amahlanu amadoda.
7 UParshandata, noDalefon, noAspata,
8 noPorata, noAdaliya, noAridata,
9 noParmashta, noArisayi, noAridayi, noVayezata,
10 oonyana abalishumi bakaHaman unyana kaHamedata, umbandezeli wamaYuda, ababulala; ke amaxhoba akawachukumisanga.
11 Ngaloo mini inani lababulawelwa eShushan komkhulu laziswa phambi kokumkani.
12 Wathi ukumkani kuEstere ukumkanikazi, EShushan komkhulu amaYuda abulele atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda, noonyana abalishumi bakaHaman; kwamanye amazwe okumkani kobeka phi na? Ucela ntoni na? woyinikwa; usafuna ntoni na? woyenzelwa.
13 Wathi uEstere, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makanikwe amaYuda aseShushan nangomso ukwenza ngokomthetho wale mini; noonyana abalishumi bakaHaman mabaxhonywe emthini.
14 Wathi ukumkani, Makwenjiwe njalo. Kwawiswa ke umthetho eShushan, kwaxhonywa oonyana abalishumi bakaHaman.
15 Abizelana ndawonye amaYuda aseShushan nangomhla weshumi elinesine wenyanga enguAdare, abulala eShushan amakhulu amathathu amadoda; amaxhoba akawachukumisanga.
16 Ke namanye amaYuda abesemazweni okumkani abizelana ndawonye, akhusela ubomi bawo, aphumla ezintshabeni zawo, abulala kwabo babewathiyile amashumi asixhenxe anesihlanu amawaka; amaxhoba akawachukumisanga.
17 Kwenzeka oku ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga enguAdare; aphumla ngomhla weshumi elinesine kuyo, awenza umhla wesidlo nowokuvuya.
18 Ke amaYuda aseShushan abizelana ndawonye ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, nangomhla weshumi elinesine kuyo, aphumla ngomhla weshumi elinesihlanu kuyo, awenza umhla wesidlo nowokuvuya.
19 Ngenxa yoko amaYuda asemaphandleni, abehlala emizini esemaphandleni, awenza umhla weshumi elinesine wenyanga enguAdare, ukuba ube ngowovuyo nowesidlo, umhla wokuchwayitha nowokuthumelana izabelo.
20 UMordekayi wazibhala ezo nto, wathumela iincwadi kumaYuda onke, abesemazweni onke kakumkani uAhaswerosi, akufuphi kwanakude;
21 ewamisela ukuba awugcine umhla weshumi elinesine wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo, iminyaka ngeminyaka yonke,
22 njengokuba iyimihla awaphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo; iyinyanga esaguqulwa ngawo isingqala saba luvuyo, isijwili saba ngumhla wokuchwayitha; ayenze yona ibe yimihla yesidlo, nomvuyo, neyokuthumelana izabelo, neyokupha amahlwempu izipho.
23 Aza amaYuda azimisela ukwenza njengoko abeqalile, nanjengoko uMordekayi ebewabhalele;
24 ngokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda onke, wayewacingele ukuwatshabalalisa amaYuda, wawisa iPuri (iqashiso ke elo), ukuba awadubadube, awatshabalalise.
25 Ekufikeni kwaloo nto phambi kokumkani, wathi ngencwadi mayibuyiselwe entlokweni yakhe ingcinga yakhe embi, abeyicingele amaYuda, bamxhome yena noonyana bakhe emthini.
26 Ngenxa yoko bathi loo mihla yiPuri, beyibiza ngegama leqashiso. Ngenxa yoko, ngenxa yamazwi onke aloo ncwadi, nangenxa yawakubonayo kuloo nto, nangenxa yawahlelwa kukho,
27 amaYuda akumisa, akuthabathela kuwo, nakwimbewu yawo, nakubo bonke abathelela kuwo, ngokuze kungatshitshi, ukuthi ayimise loo mihla yomibini ngokwesibhalo esibhalwe ngayo, nangokumiswa kwexesha layo, iminyaka ngeminyaka yonke;
28 ikhunjulwe loo mihla, yenziwe kwizizukulwana ngezizukulwana zonke, kwimizalwane ngemizalwane, kumazwe ngamazwe, kwimizi ngemizi; ingatshitshi loo mihla yePuri phakathi kwamaYuda, ukukhunjulwa kwayo kungapheli embewini yawo.
29 Babhala ke ooEstere ukumkanikazi, intombi ka-Abhihayili, noMordekayi umYuda, bamisa ngokuqinileyo konke, le ncwadi yesibini yePuri.
30 Wathumela iincwadi kumaYuda onke, emazweni alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe obukumkani buka-Ahaswerosi, amazwi oxolo nenyaniso,
31 okumisa loo mihla yePuri ngamaxesha ayo amisiweyo, ngoko bamisa ngako ooMordekayi umYuda noEstere ukumkanikazi, nangoko amaYuda azimisela ngako okwawo, nembewu yawo, amazwi okuzila ukudla nokukhala kwawo.
32 Ilizwi likaEstere lazimisa izinto zaloo Puri, labhalwa encwadini.